Xhosa - Second and Third John

Page 1

UYohane wesibini ISAHLUKO 1 Indoda enkulu ibhalela inkosikazi enyuliweyo nabantwana bayo, endibathandayo mna ngenyaniso; ingendim ndedwa, ingabo bonke abayazileyo inyaniso; 2 ngenxa yenyaniso ehleliyo kuthi, eya kuba nathi ngonaphakade. 3 Makube lubabalo kuni, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu, uNyana kaYise, kuni basenyanisweni naseluthandweni. 4 Ndavuya kunene kuba ndifumene kubantwana bakho kukho abahamba enyanisweni, njengoko samkelayo umthetho kuye uYise. 5 Nangoku ndiyakucela, nkosikazi, kungengakuba ndikubhalela umthetho omtsha; ndikubhalela lowo sasinawo kwasekuqalekeni: ukuba sithandane. 6 Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo. 7 Ngokuba kungene abalahlekisi abaninzi ehlabathini, abangamvumiyo uYesu Kristu esiza esenyameni. Lowo ngumkhohlisi nomchasi-Kristu. 8 Zilumkeleni, ukuba singalahlekani nezinto esizisebenzileyo; masamkele umvuzo ozalisekileyo. 9 Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana. 10 Ukuba ubani uthe weza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa; 11 kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo. 12 Ndinezinto ezininzi nje zokunibhalela, andingi ndingazibhala ngaphepha nangainki; koko ndithembe ukuza kuni, sithethe ngomlomo, ukuze uvuyo lwethu luzaliseke. 13 Bayakubulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo. Amen. UYohane wesithathu ISAHLUKO 1 1 Indoda enkulu ibhalela uGayo oyintanda, endimthandayo mna ngenyaniso. 2 Ntanda, ndinga ungathi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho. 3 Kuba ndavuya kunene, bakufika abazalwana, bangqina ngenyaniso ekuwe, njengokuba wena uhamba enyanisweni. 4 Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni. 5 Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini; 6 abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owothi, ukuba uthe ubaqhubele ngendlela yokuhlonela uThixo, ube uyatyapha; 7 kuba baphuma ngenxa yegama lakhe, bengathabathanga nto kuzo iintlanga. 8 Thina ngoko sifanele ukubamkela abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso. 9 Ndabhalela ibandla; ke uDiyotrefe, uthanda ukuba mkhulu phakathi kwabo, akasamkeli. 10 Ngoko ke, ukuba ndithe ndafika, ndoyikhumbula imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; 11 Ntanda, musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo. 12 UDemetriyo ungqinelwe ngabo bonke, nayiyo inyaniso; niyazi ke ukuba ubungqina bethu buyinene. 13 Ndandinezinto ezininzi endingazibhalayo, kodwa andithandanga kuzibhala ngainki nangalusiba; 14 Ndiyathemba ke ukuba ndokubona kwakufuphi nje, sithethe ngomlomo. Uxolo malube kuwe. Izihlobo zethu ziyakubulisa. Bulisa abahlobo ngamagama.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Issuu converts static files into: digital portfolios, online yearbooks, online catalogs, digital photo albums and more. Sign up and create your flipbook.