

UMasipala iRaymond Mhlaba uphendule ngokukhawuleza kumonakalo owenziwe sisichotho somhla wama-25 kweyoKwindla kwiindawo ezahlukeneyo esingabalula kuzo iKhobonqaba, IKwamaqoma kunye naseDikeni. Ingxelo ephuma kulomasipala ithi kuye kwakhutshwa amalungu ecandelo leentlekele, eleendlela nabancediswe ngooceba beewadi ezo zichaphazelekileyo ukujonga umonakalo lowo ze bathathe amanyathelo ukuze kuncedakale abo bachaphazelekileyo kulungiswe neziseko ezingundoqo ezithe zachaphazeleka. Le ngxelo iqhuba ithi esi sichotho siwiseimithi emininzi kwaMaqoma naseDikeni nalapho kuthe kwachaphazeleka izithuthi ezibini kude kufuphi nase Mxhelo kunye nesinye esithe sawelwa ngumthi kude kufuphi neYunivesithi iFort Hare nto leyo ithe yavala indlela engena edolophini eDikeni, ukuhamba kwamanzi kunye nombane, yenze umonakalo nasezindlini.
Ukanti amanyathelo athathiweyo okwangoku kukusondeza abenkonzo ezingxamisekileyo ukuze bakwazi ukunceda kwaye baqhubeke behlola umonakalo. Imithi bakhwuleze bayisusa kwindlela engena eDikeni besusa nemoto leyo ebivale indlela ngase Fort Hare. Le ngxelo icebisa ngelithi xa ubani othe wachaphazeleka kulentlekele makayixele kule nombolo: 046 645 7402 okanye adibane noceba wewadi leyo ahlala kuyo.
UMFANEKISO SIWUFUMENE
KU FACEBOOK: R aymond Mhlaba municipality: Umasipala ngethuba ususa imithi ethe yawiswa sisichotho eDikeni
UMFANEKISO SIWUNIKIWE:Ibimi ngeembambo iholo yase Lovedale ngethuba lolonyulo lombutho ozakumela abafundi
Umbutho oliphiko labafundi eliphantsi kombutho olawulayo kuzwelonke uphumelele ulonyulo ekholejini iLovedale eDikeni isihlandlo seshumiiminyakailandelana.
Ukanti sithethe no Buhle Lumkwana ongunobhala weSASCO kwikhampasi yaseDikeni. ULumkwana uthi into ebanika impumelelo yinkathalo abanayo ngakwizikhalo zabafundi kwanokuba bazinikezele ekuncedeni abafundi unyaka wonke. “Sinceda abafundi unyaka wonke ngokuqinisekisa into yokuba banendawo zokuhlala aba bafikayo kwaye sizamana noku-
ba wonke umfundi umfundi akanasikhalo ngokuba sibinze apho basilela ngakhona ngoba isikolo asikwenzeli yonke into”. Ukwathi umbutho ophikisayo ngulowo we EFFSC eliphiko labafundi eliphantsi kombutho i-E.F.F, kodwa lonto ayibanqandi kwimpumelelo yabo “Sichulumance kakhulu singumbutho we SASCO ngoba sineminyaka elishumi siluphumelela olugqatso Uqukumbele ngelithi bayayisokola inkxaso kangangokuba kude kufuneke babacelele amalizo abo basokolayo. “Izinto esijongana nazo ke zezokuba siyayisokola into enenkxaso-mali asinabo abantu abasincedisayo kule Region lonto isenza sisokole kakhulu ukwenyusa nala manani sesinawo kumalungu ombutho.”
ALIWAL NORTH: 25
March 2025 – A major breakthrough in the fight against drug trafficking was achieved during the ongoing Interprovincial Crime-Combat Operation. In a coordinated effort involving police from the Free State, Western Cape, Eastern Cape and Northern Cape, police intercepted a significant drug consignment, seiz-
ing crystal meth valued at R50 million within the first 24 hours of the operation.
On 25 March 2025, at approximately 10:30 AM, members of the Aliwal North Detectives and Crime Intelligence (CI) were conducting a tracing operation when they received information about a truck traveling from Smithfield to Aliwal North, suspected of transporting
drugs. The vehicle was intercepted at the bridge and escorted into the town for a thorough search. In response, the K9 Unit and Local Criminal Record Centre (LCRC) were summoned to the scene. A detailed search of the truck led to the discovery of 12 large bags of crystal meth, weighing a total of 313.5 kg, with an estimated street value of R50 million. The truck used in the transportation of the drugs was also confiscated. The suspect, a 35-yearold man from Gauteng, who is both the driver and owner of the truck, has been arrested. He is scheduled to appear in the Aliwal North Magistrate’s Court.
*Follow Speed Limits*: Adhere to posted speed limits, adjusting your speed according to road conditions, traffic, and weather.
*Be Aware of Your Surroundings*: Continuously scan the road, observing other vehicles, pedestrians, cyclists, and potential hazards.
*Maintain a Safe Following Distance*: Leave sufficient space between your vehicle and the one in front, allowing time to react to unexpected situations.
*Use Indicators and Signals*: Clearly indicate your intentions to change direction or lane, using turn signals and brake lights.
*Avoid Distractions*: Refrain from using your phone while driving, and minimize interactions with passengers or other distractions.
. *Buckle Up*: Ensure all occupants wear seatbelts, and children are secured in approved car seats.
*Be Visible*: Use headlights, especially during dawn, dusk, or in low-light conditions, to increase your visibility to other road users.
*Respect Pedestrians and Cyclists*: Be cautious and courteous when interacting with vulnerable road users, yielding to pedestrians and cyclists when necessary.
*Avoid Driving Fatigue*: Take regular breaks during long trips, and avoid driving when tired or under the influence of substances.
Ngu Mava Boya
I Fort Beaufort United yenze imbali ngokubaliqela elifikelela kwimidlalo yamagqibela kankqoyi kwimmidlalo yetumente i-Eastern Cape Super 14 ethe yangenela kuyo emva nje kweminyaka emine liqalile ukudlala imidlalo yodidi oluphezulu eMpuma koloni. Eliqela lombhoxo lasebhofolo lithe labuya nendondo yesilivere emva kokuguqiswa liqela laku Komani iProgress Rugby Club ngamanqaku: 4029 kumdlalo wamagqibela kankqoyi ngomhla weshumi elinesihlanu kweyoKwindla eNelson Mandela Bay Stadium nalapho lithe lawa ngaphantsi ekuziseni lendebe eMaqoma. Eliqela laqala ukudlala ngomnyaka u 2018 libiz-
: UNothiza kunye neqela iMavuso All Stars
Ngu Mvava Boya
USiliziwe Vinqi ngusekela Mongameli kwiqumrhu elongamele ibhola yomnyazi apha eDikeni kwaye ukwaneqela lamantombazana angaphantsi kweshumi elinesihlanu elidlala phantsi kweliqumrhu. Lenzalelwane yaseMsobomvu eseGalfini apha eDikeni ngokuhlala ithi ezemidlalo izingeniswe kukubona abantwana abangenzi NTO behleli
ngasezivenkileni bambi behambe becela imali ebantwini ndabona abantwana abangamakhwenkwe abahla benyuka abanye behlala ezivenkileni, ndaqonda ukuba mandibaqokelele ndenze iqela lebhola ekhatywayo neyomnyazi bayivuyela lonto kwaye bazibonakalisa ukuba banomdla”. UNothiza, nanjengoko esaziwa, uthi injongo yakhe kukwakha Ikamva eliqaqam-
bileyo kunelo abantwana bangazibona bekulo ngenxa yokungenzi nto apho banokuzibona betshaya iziyobisi.
“Injongo zam kukukhupha abantwana entweni yeziyobisi ndibafake emidlalweni” Uthi wathi akuchaza ngobungozi beziyobisi bakuyeka ukuhlala ezivenkileni bammamela.
“Ndabathatha ndabafaka kwiAlice Netball Assosation abe Netball, abebhola ekhatywayo ndabasa kwi Alice Football Association khon’ukuze baxakeke yibhola ngoku qho ngemigqibelo siyadlala eAlice ground.
Uqukumbele ngokucela abazali bavumele abantwana ukuba bahambe amabala kwaye bazokuhlala bexakekile
“Ndicela abazali bandiboleke abantwana bazokudlala ibhola ngoba phakathi evekini basesikolweni ngeempela veki basebaleni ngecawa basecaweni ithi lonto lincinci ithuba ledrugs”, utshilo lo ka Vinqi. ukanti ngoku ungomnye wabaququzeleli bemidlalo yexesha lePasika ezakubanjelwa eMsobomvu exhaswa yiMjikelo Sports Academy ezakuba ngomhla we-18 ukuya kowama-21 kuTshazimpuzi.
wa iBarbarians liyindibanisela yabadlali bamaqela awayedlala kwimidlalo yeetumente zasekuhlaleni lathi lathatha inxaxhe ba kwiitumente zange Pasika. U Craig Christian ongomnye wabongameli beliqela uthi lo yabangumbono wabadlali bombhoxo baseMaqoma abathi banombono wokuba xa benokuba nelabo iqela bangagqugqisa kwiitumente kunye neeLigi zeliphondo. “Elicebo siye salixhasa mna, uSiseko Nkatsha, uMichael Hill kunye no Akhona Mgijima”. Uqhuba ngelithi bayekufika kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwimidlalo yetumente yenyanga yamagugu kunyaka ka 2019 nalapho babethwa liqela I Swallows eyayingoompondo zihlanjiwe nanjengoko yayikumaqela amane asenkcochoyini kweli lomzantsi Afrika.
“Lonto iye yasinika intshisakalo yokuba eliqela libhaliswe kwaye likhuphisane noompondo zihlanjiwe beetumente zokuhlala kwakunye neeligi ezikhoyo apha ephondweni”. Ukwathi babengafuni kukhuphisana namaqela alomasipala kwakunye nawasebhofolo lonto ke iye yabenza bathenga isicoco seqela laseBhofolo elalikhuphisana kwiligi ye Bhoda iGoodhope.
“Siye ke saphazanyiswa ngubhubhane we Covid-19 asakwazi ukuqala isizini yethu yebhoda de kwaba ngu 2022 nalapho siye sabethwa kwimidlalo yokunyukela kwi Premier League yi Komga.” Emva komngeni we Covid, ukungaphumeleli imidlalo ebalulekileyo eliqela liye labuya kwakho ngonyaka u 2023 nalapho libuye ngamandla laphumelela
imidlalo yonke ye “first division” yebhoda ze lanyukela kwiPremier league elithe layidlala ze layiphumelela ngonyaka ka 2024. “Ukuphumelela iPremier League kusinike ithuba lokudlala kwi “Border Super League” nto leyo ethe yasinika ithuba lokukhuphisana kwi Super 14 yephondo leMpuma Kapa” Bathe ke babuya nendondo yesilivere ukanti umdlali waletumente nguMonwabisi Mkwakwi owaziwa ngelika London.
UMFANEKISO SIWUNIKIWE: Umonwabisi Mkwakwi owaziwa ngelika london ufumene iwonga lokuba ngumdlali obalaseleyo kuletumente