uZefaniya
ISAHLUKO 1
Ilizwi likaYehova elafika kuZefaniya unyana kaKushi, unyana kaGedaliya, unyana ka-Amariya, unyanakaHezekiya,ngemihlakaYosiyaunyanakaAmon,ukumkaniwakwaYuda.
2 Ndiya kususa ndiyisuse into yonke ehlabathini; utshouYehova.
3 Ndiya kuphelisa umntu nenkomo; Ndiya kususa iintakazezulu,neentlanzizolwandle,nezikhubekiso kunye nabangendawo; + yaye ndiza kumnqumla umntu emhlabeni,” + utsho uYehova.
4 Kananjalo isandla sam ndiya kusolula phezu koYuda, naphezu kwabemi bonke baseYerusalem; ndiwanqumle kule ndawo amasalela akwaBhahali, negama lababingeleli abangengabo, kunye nababingeleli;
5 nabaqubuda kumkhosi wezulu phezu kwezindlu; abanqulayo, bafunge uYehova, bafungayo ngoMalkamu;
6 nababuyileyo kuYehova; nabangamquqelanga uYehova,abangambuzanga.
7 Yithini tu ebusweni beNkosi uYehova; ngokuba isondeleiminikaYehova;
8 Kuya kuthi ngemini yombingelelo kaYehova, ndibaveleleabathetheli,noonyanabokumkani,nabo bonkeabambathaizambathozolunyeuhlanga.
9 Kwangayo loo mini ndiya kubavelela bonke abatsibaembundwiniwomnyango,abazalisaizindlu zenkosiyabongogonyamelonenkohliso.
10 Kuyakuthingaloo mini, utsho uYehova, kuvele izwi lokukhala esangweni leentlanzi, nokubhomboloza kwelesibini, nokuqhekeka okukhuluezindulini.
11Bhombolozani,bemibasemgongxweni,ngokuba banqunyulwe bonke abantu bakwaKanan; bonke abathwalibesiliverebayakunqanyulwa.
12 Kuya kuthi ngelo xesha, ndiyigquthagquthe iYerusalem ndinezibane, ndiwavelele amadoda agovalele ezintliziyweni zawo, atshoyo ukuthi ezintliziyweni zawo, UYehova akenzi kulungileyo, akenzinakubi.
13 Ubutyebi babo buya kuphangwa, nezindlu zabo zibe ngamanxuwa; batyale izidiliya, bangayiseli wayiniyazo.
14 Isondele imini enkulu kaYehova, ikufuphi, ingxama kakhulu; ilizwi lemini kaYehova, likhala ngokukrakrakhonaigorha.
15 Loo mini yimini yokuphuphuma komsindo, yimini yembandezelo nembandezelo, yimini yenxuwa nesenkangala, imini yobumnyama nesithokothoko,yiminiyamafunesithokothoko;
16 yimini yesigodlo nokuhlaba umkhosi emizini enqatyisiweyo,nasezinqabaezinde.
17 Ndiya kubabandezela abantu, bahambe ngokweemfama, ekubeni bonile kuYehova; igazi labo liya kuphalazwa njengothuli, nenyama yabo njengomswane.
18Nesilivereyabonegolideyaboayisayikubanako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; liya kuqwengwa lonke ilizwe ngumlilo wekhwelelakhe;
ISAHLUKO 2
1 Zihlanganiseni, hlanganisani, luhlanga lunganqwenelwayo;
2 Ungekazali ummiselo, ingekafiki loo mini njengomququ, ingekafiki kuni ukuvutha komsindo kaYehova, ingekafikiphezukwenu iminiyomsindo kaYehova.
3 Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe, bakwenzileyo okusesikweni kwakhe; funani ubulungisa, funani ululamo, mhlawumbi nositheliswangeminiyomsindokaYehova.
4 Ngokuba iGaza iya kuba sisishiywa, neAshkelon ibe linxuwa; iAshdode iya kugxothwa emini emaqanda,inyothulweiEkron.
5 Yeha, abemibaselunxwemenilolwandle, uhlanga lwamaKreti! Ilizwi likaYehova lichasene nani; Ke wena Kanan, lizwe lamaFilisti, ndokutshabalalisa, kungabikhoukumayo.
6 Inxweme yaselwandle iya kuba ngamakriwa, nemiqolomba yabalusi, ibe zizibaya zempahla emfutshane.
7 Lobalicandelo lamasalelaendlu yakwaYuda;aya kwalusela kulo, abuthe ezindlwini zaseAshkelon ngokuhlwa; kuba uya kuwavelela uYehova uThixo wawo,akubuyiseukuthinjwakwawo.
8 Ndikuvile ukungcikiva kukaMowabhi, nokunyelisa koonyana baka-Amon, ababangcikive ngakoabantubam,bazikhulisaemdeniwabo.
9 Ngako oko, ndihleli nje, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, inene, elakwaMowabhi liya kuba njengeSodom, neloonyana baka-Amon libe njengeGomora, libe lilifa lamarhawu, libe yinkangala yetyuwa, kube senkangalangonaphakade;abantubayakuziphanga, amasalelaabantubamazihluthe.
10 Kuya kuba njalo kubo ngenxa yekratshi labo, ngokuba bengcikivile, bazikhulisa kubantu bakaYehovawemikhosi.
11UyoyikekauYehovakubo,ngokubaubabhubhise bonke oothixo behlabathi; abantu baya kuqubuda kuye, elowo esendaweni yakhe, zonke iziqithi zeentlanga.
12NanimaKushi,niyakubulawangekrelelam.
13 Uya kusolula isandla sakhe ngakwelisentla, ayitshabalaliseiAsiriya;iNineveiyenzeibelinxuwa, yomenjengentlango.
14 Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi, izinto eziphilileyo nokubaziziphi, ziziimfidi; komemelela ilizwilaboezifestileni;kobasenkangalaemigubasini, ngokubaewutyhilileumsebenziwemisedare.
15 Nguwo lowo umzi obudlamkile, obukholosile, obusithientliziyweniyawo,Ndimkwaphela,akukho wumbi. Utheni na ukuba ube linxuwa, ube sisikhundla samarhamncwa! bonke abadlula ngakuyobenzaumsondlo,bahlunguzeisandla.
ISAHLUKO 3
1 Yeha, umzi oneenkani, ongcolileyo, oxinzelela phantsi!
2 Awuliphulaphulanga lizwi; akalwamkela uqeqesho; awukholosanga ngoYehova; akasondelangakuThixowawo.
3Abathethelibawophakathikwawobaziingonyama ezibharhulayo; abagwebi bawo baziingcuka zangokuhlwa; abawabhibhi amathambo kwada kwasa.
4 Abaprofeti bawo bayaxhaphazela, ngamadoda anginizayo; ababingeleli bawo bayayihlambela ingcwele,bagonyamelaumyalelo.
5 UYehova ulilungisa esazulwini sawo; akayi kwenza bugqwetha; imiso ngemiso ulimisa ekukhanyeni okusesikweni kwakhe, akasileli; ke yenaokhohlakeleyoakakwaziukudana.
6 Ndizinqamle iintlanga, zichithakele iingqoqo zezindlu zazo. Ndazenza kwaba senkangala izitrato zazo,ukubakungabikhoudlulangazo;
7 Ndathi kodwa, Mawundoyike, uyamkele ingqeqesho; ukuze linganqanyulwa ikhaya labo, njengokondabavelelayo;bavukakusasa,bonakalise ngeentlondizabozonke.
8 Ngako oko yilindeleni kum, utsho uYehova, ide ibeyiminiyokuvukakwam,ndithimbe;:kubalonke ihlabathiliyakutshiswangumlilowekhwelelam.
9 Kuba ngelo xesha ndiya kuziguqulela izizwe intetho enyulu, ukuze zinqule igama likaYehova zonkeziphela,zimkhonzengaxhathalinye.
10 Ziya kuthabathela phesheya kwemilambo yakwaKushi, zibazise abandithandayo, intombi yeentsalizam,bengumnikelowamwokudla.
11Ngaloo mini akuyi kudana ngenxa yeentlondi zakho zonke, owakreqangazo kum; ngokuba ngelo xesha ndiya kubasusa phakathi kwakho abadlamkileyo bakho, ungabi sazidla ngenxa yekratshilakho.intabaengcwele.
12 Kanjalo ndiya kusalisa phakathikwakho abantu abaziintsizana, abazizisweli, abaya kuzimela egamenilikaYehova.
13 Amasalela akwaSirayeli akayi kwenza ngobugqwetha, akayi kuthetha amanga; Akuyi kufumaneka emlonyeni wabo ulwimi lwenkohliso; ngokuba baya kudla, babuthe, kungabikho ubothusayo.
14 Memelela, ntombi inguZiyon; duma, Sirayeli; vuya, ugcobe ngentliziyo yonke, ntombi inguYerusalem.
15 UYehova ukususile ukugwetywa kwakho, uzidedisile iintshaba zakho; ukumkani wakwaSirayeli, uYehova, uphakathi kwakho; akusayikubasabonabubi.
16NgaloominikuyakuthiwakwiYerusalem,Musa ukoyika;Ziyon,mazingawiizandlazakho.
17 UYehova uThixo wakho uphakathi kwakho, ligorha; uya kugcoba ngawe, evuya; uya kukuphumza eluthandweni lwakhe, ugcobe ngawe ememelela.
18 Ndiya kubahlanganisa abalilela umthendeleko, bengabakuni,ababekumthwaloukungcikivwakwalo. 19 Yabona, ndiya kubenza ngendawo bonke abacinezeli bakho ngelo xesha, ndiyisindise into eqhwalelayo, ndiyihlanganise into egxothiweyo; ndibenzele indumiso negama emazweni onke abahlazekileyokuwo.
20Ngeloxeshandiyakunizisa,ndinibuthengexesha elililo; ngokuba ndiya kunenza nibe negama, nidunyiswe phakathi kwezizwe zonke zehlabathi, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwenu phambi kwamehloenu;utshouYehova.