Ize ingesuki incwadi yomyalelo emlonyeni wakho; uze ucamngce ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze ngako konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba woba nempumeleloindlelayakho,ubenempumelelo; Yoshuwa 1:8
Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!YenaunonelelaumyalelokaYehova;ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku. Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo; negqabi lakhe aliyi kubuna; konke akwenzayokophumelela. INdumiso 1:1-3
Uyaboleka ongendawo, angabuyisi; Ke lona ilungisa liyababala,liphe. INdumiso 37:21
Hayi, uyolo lwalowo uligqalayo ihlwempu; UYehova uya kumhlangulangexeshalembandezelo. INdumiso 41:1
Musani ukukholosa ngokucudisa, ningazenzi into engeyantongokuphanga.Ukubabuyandaubutyebi,musani ukuyibekelaintliziyoyenukubo. INdumiso 62:10
Ligwebeityalalolusizananolihlwempu; INdumiso 82:3
Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo, Kwakuba kusemandleniesandlasakhoukuyenza. IMizekeliso 3:27
Yiya embovaneni, vilandini; Khangela iindlela zayo, ulumke: Yona ithi, ingenamphathi, namongameli, namlawuli, Isuke isilungisele ukudla kwayo ehlotyeni, ikubuthe ukudla kwayo ngexa lokuvuna. Kunini na ulele, vilandini? Uya kuvuka nini na ebuthongweni bakho? Ithi, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale: Boza ubuhlwempu bakho njengomhambi, nokuswela kwakho njengomntu oxhobileyo. IMizekeliso 6:6-11
Ubalihlwempuosebenzangesandlaesidangeleyo;Kesona isandlasabakhutheleyosiyatyebisa. IMizekeliso 10:4
Okholosa ngobutyebi bakhe uya kuwa yena; Ke wona amalungisaayakuhlumanjengesebe. IMizekeliso 11:28
Isandla sabakhutheleyo siyalawula; Ukudangala kufakwa uviko. IMizekeliso 12:24
Umphefumlo wevila uyanqwena, ungazuzi; Umphefumlo wabakhutheleyo uyatyetyiswa. Kukho ozenza isityebi, engenayo nento; Kukho ozenza isisweli, enobutyebi obuninzi. Ubutyebi obufunyenwe ngamampunge buya kuncipha; IMizekeliso 13:4, 7, 11
Omdelayo ummelwane wakhe uyona; Obabala abaziintsizana,hayi,uyololwakhe! IMizekeliso 14:21
Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo; Ke ukuthetha komlomokubangaukuswelakodwa. IMizekeliso 14:23
Olivila emsebenzini wakhe Ungumzalwana womonakalisi. IMizekeliso 18:9
UbolekauYehovaobabalaisisweli;nokutheokowandinika, uyakumbuyekezangako. IMizekeliso 19:17
Ivila alilimi ngenxa yengqele; Liyafuna ngexa lokuvuna, kungabikho nto. Musa ukuthanda ubuthongo, hleze uhlwempuzeke; Vula amehlo akho, uhluthe sisonka. IMizekeliso 20:4, 13
Iingcingazabakhutheleyozisingisaelungeniselwenilodwa; Kebonkeabangxamayobayakuswela.IMizekeliso21:5
Igama elilungileyo linokunyulwa ngaphezu kobutyebi obuninzi; Isimilo esilungileyo silunge ngaphezu kwesiliverenegolide. IMizekeliso 22:1
Oliso linobubele uya kusikelelwa; Kuba unika amahlwempuisonkasakhe. IMizekeliso 22:9
Musa ukuba phakathi kwababambana nomnye ngesandla, Phakathi kwabamela into ebolekiweyo. Ukuba uthe akwaba nanto yakuhlawula, Yini na ukuba athabathe ukhukolwakhophantsikwakho? IMizekeliso 22:26-27
Uyayibona indoda eyinkunkqele eshishinini layo? uya kuma phambi kookumkani; akayi kuma phambi kwabantu abaqhelekileyo. IMizekeliso 22:29
Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi; Yeka okwakho ukuqonda. Amehlo akho uya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje? ngokuba okunene ubutyebi buzenzela amaphiko; ziphaphazela njengexhalanga esibhakabhakeni.
IMizekeliso 23:4-5
Ndagqithaentsiminiyendodaelivila,nasesidiliyenisomntu oswele ingqondo; Yabona, ibisele imithana enameva, igutyungelwengamarhawuebuswenibayo,nodongalwayo lwamatye ludilikile. Ndakhangela, ndasigqala ngentliziyo, Ndabona, ndamkela uqeqesho. Ithi, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale: Boza ubuhlwempu bakho njengomhambi; nokuswelakwakhonjengendodaexhobileyo.
IMizekeliso 24:30-34
Khuthalela ukubazi ubume bempahla yakho emfutshane, Yibhekise intliziyo yakho emihlambini yakho. Ngokuba ayingonaphakade ingqwebo; nesithsaba sesezizukulwana ngezizukulwana na? Buyavela utyani, busuke busuke utyani, nemifuno yasezintabeni ihlanganiswe. Amatakane yimpahla yakho yokunxiba, ixabiso lentsimi ziinkunzi zeebhokhwe. Woba namasi eebhokhwe okwanele ukudla kwakho,nesonkasendluyakho,nokudlelaamantombazana akho. IMizekeliso 27:23-27
Opha ihlwempu akasweli; Ke yena ofihla amehlo akhe uneengqalekisoezininzi. IMizekeliso 28:27
Vula umlomo wakho, ugwebe ngobulungisa, Ugwebe ityalalolusizananolihlwempu. IMizekeliso 31:9
Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa, kwanaloo nto ingamampunge. INtshumayeli 5:10
Siphose isonka sakho phezu kwamanzi, ngokuba wosifumana kwakuba ziintsuku ezininzi. Yahlula izahlulo zibe sixhenxe, zibe sibhozo; ngokuba akuyazi into embi eya kubakho ehlabathini. Kusasa hlwayela imbewu yakho, nangokuhlwaungasiphumziisandlasakho;ngokubaungazi ukuba kolunga kusini na, nokuba yile, nokuba yileya, nokubazolungangakunyezombinina. INtshumayeli 11:1-2, 6
fundani ukwenza okulungileyo; gwebani ityala, gwebani ocinezelweyo; gwebani ityala lenkedama, lithetheni ityala lomhlolokazi. Isaya 1:17
Ziziseni zonke izishumi kuvimba, ukuze kubekho ukudla endlwini yam, nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi,ukubaandisayikunivulelanaiingcangozezulu, ndinithululele intsikelelo, ukuze nazi ukuba andisayi kunivulela. ayisayi kuba nendawo eyaneleyo yokuyifumana. Malaki 3:10
Lumkani,ubulungisabenuningabenzeliebuswenibabantu, ngokunga ningabonwa ngabo; okanye, aninamvuzo kuYihlo osemazulwini. Ngoko, xa sukuba uliza abantu, ungahlokomisi xilongo phambi kwakho, njengoko benza ngakoabahanahanisiezindlwinizesikhungu,nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo. Ke wena, xa sukuba usisa abantu isandla sakho sokhohlo, masingakwazi esikwenzayo isandla sakho sokunene, ukuze amalizo akho abe semfihlekweni; aze uYihloobonaemfihlekweniakubuyiseleekuhleni.
Mateyu 6:1-4
Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi. Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi nodla ntoni na; nosela ntoni na; kwanomzimba wenu, nisithi niya kwambatha ntoni na. Ubomi abungaphezulu na kuko ukudla, nomzimba awungaphezulu na kwinto yokwambatha? Yondelani ezintakenizezulu;ngokubaazihlwayeli,azivuni,azibutheli koovimba; ukanti uYihlo osemazulwini uyazondla. Anizigqithile ngokugqithileyo na? Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye? Kanjalo yini na ukuba nixhalele into yokwambatha? Qondani ngeenyibiba zasendle, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ndithi ke kuni, noSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi. Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambathisa, akayi kunambathisa kakhulu ngakumbi na, bantundini balukholo luncinane?Musaniukuxhalangoko, nisithi, Sodlantonina? sosela ntoni na? okanye, Siya kwambatha ntoni na? Kuba zonke ezo zinto zingxanyelwe ziintlanga; kuba uYihlo osemazulwiniuyaziukubaezozintozonkeziyafunekakuni. FunaniketanciubukumkanibukaThixonobulungisabakhe; zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. Ngoko musani ukuxhalela ingomso; kuba ingomso liya kuxhalela okwalo.Buyaneleiminileyoububibayo. Mateyu 6:24-34
Bathikuye,NgokaKesare.Athikubo,Ngokokebuyiselani izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo.
Mateyu 22:21
Kuba ubukumkani bamazulu bunjengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye, wabiza abakhe abakhonzi, wayinikela kubo impahla yakhe. Wathi omnye wamnika iitalente zantlanu, omnye zambini, nomnye yaba nye; elowo ngokwamandla akhe; wanduluka kwaoko. Lowo ke wamkelaiitalenteezintlanu,wayawasebenzangazo,wenza esinye isihlanu seetalente. Kwangokunjalo nalowo wamkela ezimbini, naye wazuza esinye isibini. Ke naye lowo wamkela yanye, waya wemba emhlabeni, wayifihla imali yenkosi yakhe. Ithi ke emveni kwexesha elikhulu, ifike inkosi yabo bakhonzi, ibalelane nabo. Weza lowo wamkela iitalente ezintlanu, wazisa esinye isihlanu seetalente phezu kwazo, esithi, Nkosi, wandinika iitalente zantlanu; khangela, ndizuze esinye isihlanu seetalente phezu kwazo. Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho. Weza ke nalowo wamkela iitalente ezimbini, wathi, Nkosi, wandinika iitalente zambini; khangela, ndizuze esinye isibiniseetalentephezukwazo.Yathikekuyeinkosiyakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho. Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelangakhona,ubutheaphoungelelangakhona; nanku unako okwakho. Yaphendula ke inkosi yakhe yathi kuye, Sicandinindini singendawo, silivila, ubusazi nje ukuba ndivuna apho ndingahlwayelanga khona, ndihlanganise apho kungathelanga khona; ngendifumene okukokwam ngenzala. Mhlutheni ngoko italente leyo, niyinike lowo uneetalente ezilishumi. Kuba wonke umntu onako Uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako,uyakuhluthwakwanokoanako.Nayeumkhonzi ongancedi lutho, mkhupheleni ebumnyameni obungaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixizakwamazinyo. Mateyu 25:14-30
Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlowakhe? Marko 8:36-37
...Bantwana, hayi, ukuba ngenkankulu ukuthi abo bakholose ngobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo! Marko 10:24
WayeuYesuehlelimalungananomkhumbiwokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu. Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante. Ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezulu kunabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali; kuba bonke baphose bethabatha kwintabalala yabo; ukanti yena ekusweleni kwakhe uphose yonke into abenayo, impilo yakheyonke. Marko 12:41-44
Wathi ke kubo, Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokubaubomibomntuabumingabuninzibempahlayakhe. Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu. Wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam? Wathi,Nantsiintoendiyakuyenza;ndiyakubawisaphantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke iziqhamo zam, nempahla yam.ndithikuwoumphefumlowam,Mphefumlo,unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, udle, sela, yiba nemihlali. Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo? Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebikuThixo. Luka 12:15-21
Thengisani ngeempahla zenu, niphe amalizo; zilungiseleni iingxowa ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungoni nanundu. kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu. Luka 12:33-34
Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Hleze, akubon' ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonayo baqale ukuhlekisa ngaye, besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba. Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka? Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo. Ngokukwanjalo ngokukwanjalo, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundiwam. Luka 14:28-33
Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba? Ubesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza. UFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana. Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros, Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana? Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ke amadoda, engathi amawaka mahlanu inani. Wazithabatha ke izonka uYesu; wathi akubulelawababelaabafundi,bathikeabafundibabelaabo babehleli phantsi. kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo. Bakuhlutha ke, uthi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali. Babutha ngoko, bazalisa iingobozi zalishumi elinazibini ngamaqhekeza abesele kubo ababedlile, ezonka ezihlanu zerhasi. Ngoko abantu abo, bakuwubona umqondiso awawenzayo uYesu, bathi, Lo nguye inyaniso umprofeti lowouzayoehlabathini. Yohane 6:5-14
Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi
kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; baye badlelana zonke izinto. Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke. Kwakungekho namnye phakathi kwabo wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babethengisa ngazo, bawazise amaxabiso ezo zinto kuthengisiweyo ngawo, bawabeke ezinyaweni zabapostile; ngokwesidingo sakhe. UYose, ekuthiwa ngabapostile*igama lokuba nguBharnabhas (oko kukuthi ngentetho evakalayo, unyana wothuthuzelelo), umLevi waseSipro, enomhlaba, wathengisa ngayo, wayizisa imali, wayimisangasesitratweni.iinyawozabapostile.
IZenzo 4:32
Ngoko bonke banikeni okubafaneleyo; lowo kufuneka irhafu kuye, mnike irhafu; isiko kubani na; ukoyika kofanelwekukoyikwa;imbekokofanelweyimbeko.
Roma 13:7
Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke esebenza okulungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nako ukwabelaosweleyo. Efese 4:28
Nyamekelani izinto zaphezulu, ingabi kwizinto zasemhlabeni. Kolose 3:2
Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo. eyoku-1 kuTimoti 5:8
Ke kona ukuhlonela uThixo, kundawonye nokwanela, kusekeleze inzuzo enkulu. Kuba sibe singangenanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto. Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masaneliswe zezozinto. eyoku-1 kuTimoti 6:6-8
Kuba naxenikweni besikuni, sanithethela ngelithi, Ukuba umntuakathandikusebenza,makangadlinokudla.
2 Tesalonika 3:10
Yenza amalizo ngempahla yakho; Yaye xa sukuba usenza ububele, iliso lakho malingabi namona, ungabususi ubuso bakho kulo naliphi na ihlwempu, nobuso bukaThixo abuyi kutyeka kuwe. Ukuba uthe waba nentabalala, yenza amalizo ngokwesiko; ukuba uthe wanento encinane, musa ukoyika ukumnika ngokwaloo nto incinane; Ngokuba amalizo ahlangula ekufeni, akakuvumeli ukungena ebumnyameni. Kuba lilungelo elilungileyo kubo bonke abanikelayoemehlweniyOsenyangweni. Tobit 4:7-11
Musa ukubaumvuzowakheumntu akusebenzeleyo,uhlale kuwe; ke mnike esandleni sakhe; kuba ukuba uthe wamkhonza uThixo, wokubuyekeza nawe. Mfundise, nyana wam ezintweni zonke ozenzayo, ungakubuyiseli. Yiba sisilumko kuyo yonke ihambo yakho. Nika olambileyo isonka sakho, unike abahamba ze; uze wenze amalizongokwentabayakho; Tobit 4:14,16
Umthandazo ulungile ngokuzila ukutya kunye nezipho kunye nobulungisa. Ilungile intwana encinane enobulungisa, ngaphezu kokuninzi okungendawo. Kulungile ukunika amalizo, kunokuqwebela igolide, kuba amalizo lihlangula ekufeni, yaye liya kusicamagushela
isono sonke. Abo benza amalizo nobulungisa baya kuzaliswabubomi: Tobit 12:8–9
Musa ukutyhafa xa uthandaza, kwaye ungakushiyi ukwenzaamalizo. INtshumayeli 7:10
Musani ukuthiya umsebenzi obulalekayo, nantsimi ayimiseloOsenyangweni. INtshumayeli 7:15
Moyikeni uYehova, nimbeke umbingeleli; umnike isabelo sakhe, njengoko wawiselwa umthetho ngako; neentlahlela, nedini letyala, nomnikelo wamagxa, nombingelelo ongcwele, neentlahlela zezinto ezingcwele. Nantoni na oyibambayongesandla,khumbulaisiphelo,kwayeawusayi kuzeulahlekise. INtshumayeli 7:31, 36
25 Ùkholose emnqophisweni wakho, Uhambe ngawo, Uweyise amandla emisebenzi yakho. Musani ukumangaliswa yimisebenzi yaboni; Ke wena kholosa ngoYehova, uhlale ekubulalekeni kwakho; kuba kulula emehlweni kaYehova ukulenza isityebi ihlwempu ngesiquphe. Intsikelelo kaYehova inomvuzo welungisa, Ayiqhayisengesiqupheintsikeleloyakhe.
INtshumayeli 11:20-22
Lowo uhlala exhaphake ngobubi, akanako ukufika okulungileyo; INtshumayeli 12:3
Ububele bomntu bunjengomsesane wokutywina kuye, kwaye uya kuzigcina izenzo ezilungileyo zomntu njengokhozo lweliso, ubanike inguquko koonyana bakhe neentombizakhe. INtshumayeli 17:22
Ulahlekelwe yimali yakho ngenxa yomntakwenu kunye nomhlobo wakho, kwaye ungayivumeli ukuba ilahle phantsi kwelitye. Buqwebe ubutyebi bakho ngokwemithetho yOsenyangweni, bukuzisele ukutyeba ngaphezu kwegolide embiweyo. Valela amalizo koovimba bakho; Wokulwela iintshaba zakho ngaphezu kwengweletshetshe yengwele, nomkhonto owomeleleyo. INtshumayeli 29:10-13
Owugcinayo umyalelo uzisa imibingelelo eyaneleyo; Ophindisa ngenzuzo enkulu, enze umgubo ocoliweyo; nonikela amalizo ubingelela indumiso. Likholekile kuYehova ukumka ebubini; nokubushiya ubugqwetha, kusicamagushelo. Uze ungaveli ulambatha phambi koYehova. Kuba zonke ezo zinto zimelwe kukwenziwa ngenxa yomthetho. Umnikelo welungisa utyebisa isibingelelo; ivumba lalo elimnandi liphambi koPhezukonke. Wamkelekile umbingelelo welungisa. nesikhumbuzo sawo asisayi kulityalwa. Mnike uYehova uzuko lwakhe ngeliso elilungileyo, Unganciphisi ulibo lwezandla zakho. Kuzo zonke izipho zakho bonisa ubuso obuchwayitileyo, Usingcwalise isishumi sakho uvuya. Mnike Osenyangweni njengoko wakutyebisayo; njengoko uzuzileyo, mnike ngeliso eliphilileyo. Kuba uYehova uya kuvuza,akunikekasixhenxe. INtshumayeli 35:1-11
Abazalwana noncedo lumelene nexesha lembandezelo; INtshumayeli 40:24
UMariya oyiNtombi Enyulu esikelelekileyo nohlala ezukile, ephuma kumnombo wasebukhosini nakwindlu kaDavide,wazalelwakwisixekosaseNazarete,wafundiswa eJerusalem, etempileni yeNkosi. Igama likayise lalinguYowakim, nonina lalinguAna. Intsapho kayise yayiyeyaseGalili nesixeko saseNazarete. Usapho lukanina lwaluseBhetelehem. Ubomi babo babuthe tye, buthe tye emehlweni kaYehova, bengamalungisa, bengenakusoleka phambi kwabantu. Kuba bahlulelana ngazo zonke izinto ababenazo, zaba zahlulo zithathu: esinye sazo basinikela etempileni, nabaphathi betempile; omnye wababela abasemzini, abasweleyo;yaye eyesithathu bazibekela bona nezintoeziyimfunekokwintsaphoyabo. IVangeli yokuzalwa kukaMariya 1:1-4
Wathi kum; Niyazi ukuba nina ningabakhonzi beNkosi, nihlala apha njengolundwendwe; ngokuba umzi wakho ukude kulo mzi. Ukuba niyawazi umzi wenu ke, eniya kuhlala kuwo, yini na ukuba nithenge imihlaba apha, nizibonelele ngokutya okutyebileyo, nezakhiwo ezinqabileyo, nezindlu ezinqabileyo? Kuba lowo uthe wazilungiselela ezi zinto kulo mzi, akacingi kubuyela kowabo. Mntundini, sisiyatha, sikrokrayo, silusizana! ongaqondiyo ukuba zonke ezo zinto zezabanye abantu, nokuba ziphantsi kolawulo lomnye. Ngokuba itsho kuwe iNkosi yalo mzi; Nokuba uthobela imithetho yam, okanye uphumengaphandlekwesixekosam.Uyakuthininake,xa uthe waba ngumthetho emzini wakho? Ngaba ungawukhanyela umthetho wakho ngenxa yelifa lakho, okanye ngayo nayiphi na kwezo zinto unike zona? Ukuba uthewakhanyela,wazawabuyelaemziniwakowenu,akuyi kumkelwa, kodwa wokhutshelwa ngaphandle. Uyabona ke ngoko, ukuba awuzixhamli ngokwakho njengomntu wasemzini, ongaphezu kokokuyimfuneko, enokukwanela? ulunge ke, ukuba uthe uThixo okanye iNkosi yalo mzi, yanikhupha kuwo, niwuchase umyalelo wakhe, ningene kowakho umzi; 20 uthi ke, uhambe ngokomthetho wakho, unokuchwayita, ungagwenxa. Yilumkeleni ngoko, nina bamkhonzayo uThixo, nimgcine ezintliziyweni zenu; kwayeuqinisekeukubauyakukwenzaokulungileyokuwe; ukuba nithe nayigcina imithetho yakhe. Ngoko ke, esikhundleni sezinto enisukuba nizithenge, nibakhulule abasweleyo kwiintswelo zabo, njengoko uthile ebenako; gwebela abahlolokazi; gweba ityala lenkedama; ubutyebi nobutyebi benu buchitheni emisebenzini efana nale. Kuba, ngenxa yoko uThixo unityebisile, ukuze nizifeze ezi nkonzo zinjalo. Kulunge ngakumbi ukwenza oku, kunokuthengaimihlabaokanyeizindlu;ngokubazonkeezo zinto ziya kutshabalala ngeli xesha lakalokunje. Ke into eniya kuyenzela igama likaYehova, noyifumana emzini wenu,nibenovuyoolungenazizo,noloyiko.Ngokomusani ukunqwenela ubutyebi beentlanga; kuba ziyingozi kubakhonzi bakaThixo. kodwa rhweba ngobutyebi benu, eninobutyebi, ukuze nibe ngabo uvuyo olungunaphakade. Incwadi Yesithathu kaHermas 1:1-10