
1 minute read
Ilali yaseBhizana, Izinini, ide yabufumana ubunini beziza
Uluntu lwelali IzininieBhizana beluchumance kakhulu ngethuba lufumanaubunini beziza bomhlaba walokumphathiswa wezolimo, ubuyiselo lomhlabakwakunye nophuhliso lwamaphandle uThoko Didiza.
Lo mhlaba,okwiihekthare eziyi-1,282, wathathwa ngendlelaengeyiyo ngabenkqubo yengcinezelo.
UDidiza ebekulelaliukunikeza ngokusesikweniubuninibeziza, obuzakuxhamlisaimizi eyi-1,279 kwakunye nabaxhamli abayi-1,300.
Ibango labolomhlaba laphunyezwa ngurhulumentengo2016 zebafumanaimbuyekezo yemalieyi-R22m ngokwebathu lomhlaba elingenobuyelakwakhona kubo, eliquka indawo apho kwakhiwe khona umbindi dolophu waseBhizana.
Urhulumente unike uluntu enye imali eyiR5.1mukuze lwenzeumsebenziwalo woshishino lwamahlathiodibanisa iihekthare eziyi-581 zalomhlaba. Ishishinilabo, Izinini CPA,neliqeshe abantuabayi-58kwimisebenzi esisigxina, lenzaingeniso yesambukuseR14.6m ngenxayokuthengisa iipaliesele zinqunqiwe kwaSappi,eziphuma kumhlaba wabo, ngokuyinxalenyenesivumelwano sonaniselwano.
UDumisani Siyele, usihlalowe-Izinini Community PropertyAssociation, eqhwatyelwa izandla njengendibaniselayoluntu eqhuba kakuhlekakhulu, utyikityeubunini besizaegameni loluntuesithi uzivaenethamsanqa ngokuba yinxalenye nolwa suku.

USiyele uthe: Abanye abaqalaeli bango aba abazange baphilele ukubona usuku oluhle kangaka. Siyabulelakurhulumente. Sineprojekthi yokulwa indlala kwakunye nokusilela kophuhliso aphokuqeshwe ulutsha.Masiwuhloniphe umhlabakwaye siwusebenzisele uphuhliso oluthexhaxhe oluzakuncedisa nabantwana abangekazalwa.
Usibonda uMandisiNdunge uthe: “Bekukho isankxwengokungabikho kobunini besiza.Le yintoenkulu kakhulu.Isinika amalungelo asemthethweniokuba lomhlaba ngowethu ngenene. Ndiswele amazwi ombulelo. Ndichulumancekakhulu namhlanje. Ibiluhambo olude kodwa namhlanje lo mhla- uThoko obuqinisekisa ubunini bomhlaba beehekthare eziyi-1,282 ezibangwe ngempumelelo luluntu lwaseIzinini emva kweenkqubo zebango lomhlaba. Lo mbutho (CPA) usebenzisa inxalenye yalo mhlaba kushishino lwemveliso yamahlathi ze luthengise izinti kwaSAPPI ba ngowethu ngokusemthethweni!
Umlawuli jikeleleweSappi uSandileNkosi uthe bazinikeleukusebenzisana norhulumente kwakunye noluntuukuqinisa uphuhliso olujolise ekubeni luziphuhlise.
Le yenyeyeeprojekthi ezibalaseleyo elizweni. Ngamanye amaxesha kuye kubenzima ukusebenzisana nabantuabaninzi, kodwa apha bayasebenzisana.Izinini ayinamboleko ngokufanayo nabanyeabalimi abakwinkqubo ethu iKhulisa. Iimveliso zethu ziluhlobo olungafaniyo neplastiki ngoko ke imfuno iphezulu kakhulu. Njengokuba iSappi izama ukuphumeza le mfuno, inkampani ijolise kwimveliso ekwiihekthareezingama-30,000 eMpumaKapa kwayesizakuluzuza oluphuhliso luzinzileyo xa sisebenzisana.
Izinini lelinyelamashishini wamahlathi
Umabhalane oselula uthi uhlumo kushishino luzisa ubomi obutsha eMkhambathi
Uhlumo kushishino lweMkhambathi Game Reserve and Forestry kuqubisana nengxaki yentswelongqesho kwiindawozasezilalini, ingakumbikumasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill.

Olu luvolukaLuyanda Mvumbi,26, oqeshwenjengomabhalane kwezolawulo kwiMkhambathi Trust.

Uvakalise ugcobonjengokuba engomnyewabantu abatshaabaqeshwe yiletrust neqhuba ushishinolwalo myezo kwanezamahlathi, noxhaswa ngurhulumente.
Uhlumololu shishinoluthethalukhulu kubananjengokoluxanda nje,siyakwazi ukuvulela amathuba abantu abaninzi.Oku kuthethaukuba intswelongqesho kwiindawo zasezilalini kuqutyiswana nayokwaye abantubamanyana nangakumbi,” uMvumbi utshilo. elixhaswa lisebelophuhliso lwamaphandle kwanohlengahlengiso lomhlaba ngokwequmrhu lalo eliyiArhenteyoPhuhliso lwamaPhandle eMpuma Kapaukuze kufakwe ushishino kwimveliso yamahlathi ephondweni. Ukusukela ngo2013,le arhenteityale imali engaphaya kwe-R21m kweli shishini ngokoqeqesho, ukuthengwakwemithi emitsha, izithuthi kwakunyeneenkonzo zolawulo ukuncedisa amashishiniukuba aphuculeindlela yokusebenza kwanemveliso.
Ndivuya kakhulu ukuqeshwa apha. Ndiqale ngokuyaesikolweni, zendabuya ukuza kutyala izakhono endizifumeneyo.
Ngoku ndiyakwaziukulawula indlela yokusebenza aphangenxa yesifundosolawulo lweprojekthiendithe ndasenza, uMvumbi utshilo.
Uthi umsebenziwakhe kukujongana nemisebenzi yamashishini, esebenzisaizakhono azifunde esikolweni ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela.
Ukwanebhongo ngokuqeshwa eMkhambathi.
Uyayazi imbali yayo, equka umhlaba owathathwa ngogonyamelo kuluntu lwendawo ngabenkqubo yengcinezelo.
UMphathiswa uNonkqubelaPieters uthe urhulumente ulufunquleuluntu lwase-Izinini ngenxa yenkxaso enikezwengamaziko karhulumente kwishishini labo.
“Kuluvuyo ukubasibelapha ukuza kugqibezela le nkquboyophuhliso. Ngokwamava wam, iindibaniselazoluntu kwakunye neenkosibaye balwentoleyo ethiikhokele ekumenikophuhliso,yiyo lentondibubulelayo ubunye obubonakalisa apha,” utshilo uPieters.
UDidiza uthe: “Imbuyekezo yemali inikezelwe kodwa kukhoiintsapho ezingekaxhamli ngenxa yokungavisisaniemakhaya. Ndicela ezontsapho ukuba zenzeisivumelwano ze zithethenekomitiukuze isebelihlawuleimbuyekezo mali kuzo, kubaleyo yinto esemthethweni kuzo.”
Uthe xauluntu eziqhubekanokulwana zithibaza uphuhliso,zingathi ziphulukane nentlaka emlomnyeni.
“Kufunekanazi ukubaningabanini bezizinto kwaye namhlanjendithi, masibambisaneni ukuze sibone uphuhliso.Maze ningasiphoxi. Sifunauhlumo kwayexa ndibuyakwakhona apha, andifunikubona ukutshatyalaliswa kwezi ntshukumo zoqoqosho,” utshilo.