
1 minute read
Iinzame zoqoqosho lwaseMpuma Kapa zibonakala zintle kulo nyakamali
Izinto ezintleziyenzeka kwezolimo,uxonkxo kwakunyenolwakhiwo eMpumaKapakulo nyakamali, kodwaamashishini amancinane afuna ukudityaniswanootshotshentla kwezoshishino.
Isebe lezeZimali eMpumaKapa lilindele ukuba iphondolixhamle kumacandelo ezolimo, uxonkxonolwakhiwo kunyakamali ka2023/2024.
Isebe lezeZimali ephondweni lithe imbonakaloyezolimo ibonakalaintlekunene, kodwa lalumkisangelithi kusashiyeke kungumngeni ukuzinzisa amashishini aphantsi kwalo angaqhubi kakuhle.
UMphathiswa wezeZimalieMlungisi
Mvoko uthe kubalulekileukuxandisa nokuzinzisa amatyathanga phakathi kwamafama asakhasayo, amashishini ezolimo kwakunye nonaniselwano lwezolimo lwamashishini amakhulu. iswa komxakathokarhulumente ukumilisela iiprojekthi zezakhiwozikarhulumente futhi kusiwe neenkonzo;kwakunyeNokukhuthaza urhulumento olululokwakunye nokungafihlwa nto ukuze kuzuzwe inzuzo.
Uthe ishishini lezoxonkxo, ingakumbi kwicandelo lezithuthi, lisashiyeke lingumqolo woshishino lwephondo njengokokuthe gqoloukwenzeka kwiminyaka emininzi.
Ngethamsanqa, urhulumentekazwelonke akazukumilisela kuncitshiswakohlahlo lwabiwomali kumgaqowoqoqosho wexesha lwaphakathi enyakeni (MTEF) oluzayo.
Ukusukelango2013, iMpumaKapaizuze malunga ne-R6bnngeemali zayokwakunye nemali emalunga ne-R12.2bn kwiMTEF.
Ubuchule obuqhogeneleyo bemali yephondo lubonisaokuhle ekuzinziseni iimeko zoqoqosho.
Kunyakamali ka2023/2024, uhlahlo lwabiwomali lwaseMpuma Kapa yi-R89.6bn, nolwenziwe zizabelo zephondo ezixabisa i-R73.2bn, izibonelelo ezinemiqathango ze-R14.6bn kwakunye ne-R1.6bn eyingeniso yephondo

Phakathi ko2018 no2022,abaxonkxi bezixhobo zoqobo zezithuthi Isuzu, Volkswagen, Mercedes-Benz noFord badale imisebenzi engaphaya kwamawaka alishumi (10,000) eMpuma Kapa.
Ishishini loxonkxo olusesikweni ephondweni luqasheabasebenzi abayi167,000 kwikotayesine ka2022,into echaza ukufunquka ngemisebenzieyi-52,000 kweli candelo xa kuthelekiswanekota yesine ka2021.
IsebelezeZimali likwimbonoyokubala manani ngefunqukenangakumbi, ukuba ibingekho buthathaka imfuno yehlabathi, ukuthibazeka kwemarike yasekuhlaleni nonaniselwano, kwakunye nocimicimi wombane ogunyileyo.
Ufunquko olunomkhitha kwishishino lolwakhiwo loyanyaniswa nokuxanda kwamashishini kwanotyalomali lukarhulumente kwizakhiwo.

Utyalomali oluninzi olucetywayo lukwaziindaba ezintlekwicandelo lolwakhiwo.
Inkxaso kwezezimali iza kubangumqobo ekuzinziseni uqoqosho nohlumo.
Isebe lezeZimali ephondweni lithe oku kuza kufuna olwayamanisoukuze kukhutshweizixhobo ezifanelekileyo kuchachiso loqoqosho, olwakhiwo ngokokutsha kwaneenzame zokuthomalaliso.
Ukuchakwa kohlahlo lwabiwomali lusekezelwekwezi zintluzilandelayo: Ukuzalisekiswa kweentshukumo zophuhliso loqoqosho logama kukhuselwa iinkonzo zoluntu;Ukuqin-
Okuphambili kokokwemigqaliselo yokulawulwa kwenkcitho kwimingxili yokusiwa kweenkonzo eluntwini, logamakuphuculwa urhulumento lwephondo kwanohlolo. Isebe lezeZimali ephondweni lithe uhlahlo lwabiwomali olujoliswe empengempengeni kwanokujongwa kwakunye nokuphengululwa kwendlela yokusebenza ngokwenkcitho kuza kwayelelanisa indlelayokuchithwa kwemali ngokweziphumo ezihleliweyo kwanokusiwa kweenkonzo eluntwini.

“Kunyakamali ka2023/2024,uhlahlo lwabiwomali lwaseMpuma Kapayi-R89.6bn, nolwenziwe zizabelo zephondoezixabisa iR73.2bn, iziboneleloezinemiqathango zeR14.6bn kwakunyene-R1.6bn eyingeniso yephondo. Izabelomali xa ziphelele ziyi-R91.bn, zikhatsha kukuncitshiswakohlahlo lwabiwomali nge-R2bn, kodwai-R2.7bn kwinxiliyephondo ikhona ukungciba olu nciphiso.
