
1 minute read
Olutsha kraca ushishino kwimpilo yezilwanyana oluyilwe yiTardi
neZizwe eZimanyeneyo
Iziko lezoLimonoPhuhliso lwamaPhandle lakuTsolo (TsoloAgriculture andRural Development Institute [Tardi])kwakunye nearhente yeZizwe eZimanyeneyo (United Nations[UN]) baqeqeshaiingcali zempiloyezilwanyana ukuze ziqale amashishini wazo.
Le ntsebenziswano ithathwa njengeyokuqala ngqa eMzansi.
ITardi iyileintsebenziswano kwakunye noMbuthowezoLimo noKutya(Foodand Agriculture Organisation[FAO]) kwiUNukunikeza iingcali zempilo yezilwanyana izakhono zezoshishino.
Oku kokokuqala apho iziko loqeqesho lwezolimo eMzantsiAfrika lizakusebenzisana neFAO kule nkqubo.Le nkquleqhu ijolise ekuqiniseni iingcalizempilo yezilwanya ngokuhambelanomgaqo omtshaaphoiTardi ithe yanikwa khona isivumelwano sokusindleka uqeqesho lokuqala lale nkqubo.
Le ntsebenziswanoibhengezwe ngethuba lomsitho wothwesozidanga wabafundi abangamashumi amaneanesithoba baseTardi obusindlekwe nguMphathiswa wephondo kuphuhliso lwamaphandlenohlengahlengiso lomhlaba uNonkqubela Pieters.
UPieters uthe: Ndiyavuya ukubhengeza ukuba iTardiichongwe njengomakhimkhanyo obalulekileyo weZizweeZimanyeneyo. Le nkquleqhu yeyokudala oosomashishini bokusabela kutshintsholomthetho weBhunga looNyango lweZilwanyana loMzantsi Afrika, apho uza kuvumelaiingcali zempilo yezilwanyana ukuba zisebenzeleinzuzo yazo kwaye ngoku zingakwazi ukuba nezakhiwo zazo zonyango lwezilwanyana ekuhlaleni. Le yinto yokuqala ukwenzeka eMzantsi Afrika kwaye ukubona iTardi ikhokele phambili kule nkquleqhu yotshintsholoshishino, yinzuzo entle kunene.
Abokuqala ukuthathwabahlelelwe inyanga kaCanzibe, apho izakuba ziingcali zempilo yezilwanyana ezingaphangeliyoeziyi-50, abayi-25 ngabathwesweizidanga eTardi,ze abayi-25 ibengathwesweizidanga eNorth West Universirty, abalindelekeukuba bathabathe inxaxheba.


Ukongeza kule ntsebenziswanoneFAO, inqununu yaseTardiuGqr. ToyotaNdudane uchongwe kwiqelaeliqulunqwe ngokukhethekileyo ukusebenzisana nabasebenzi boluntukwimpilo yezilwanyana, eyinxalenye yekharityhulam eqingqiweyo kwakunye nomgaqowoMbutho weHlabathi kwiMpilo yeZilwanyana(World Organisation for Animal Health). UNdudane uyinxalenye neqela leengcaphephezakwihlabathi jikelele uGqr. Nandipha Ndudane, ingqonyela yaseSAVC uMongezi Menye ekunye nosihlalo webhodi ye-akhademiki uGqr. Lubabalo Mrwebi noLilitha Xhumana kwakunye nomama wakhe uYolisa. UXhumana ukhankanywe njengomfundi ogqwesileyo. kwaye uza kuhlalelaiindibano kumaqonga onxibelelwano zale mibutho nezinze eParis.
UGqr. InnocentSirovha, iNgqonyelayeAgriSETA, obesisithethi esindwendweleyo somsitho, ugxininiseukubaluleka kwemfundo kwanye nefuthe eluntwini. Ukhuthaze abathweswe izidangaukuba babengoonozakuzaku boluntu lwabo kwakunye necandelo. USirovha udlaleindima ebalulekileyo kakhuluekwakheni uqeqeshokwakunyenophuhliso lweenkokhelizexesha elizayo kwicandelo lezolimo.Ukuqatshelwa kwamava wakhe yiTardi kongeza kwintembeko yakhe njengomthombo wolwazikwabathweswe izidanganabafuna ukwenzaumahlukokuluntu lwabo.
Kumsitho wothweso zidanga, oyena mfundiogqwesekubo bonke,uLilithaXhumana waseMqanduli, uvakalise uchulumanco lwakhe zewathetha ngokuphandlemalunga nohambo lwakhe.
Akukhange kubelula,bekunzima kakhulu. Kuthabatha ukuncamakakhulu, ukuzinikela kwakunye nentshisakalo.Ukuba yinxalenye nomngxilo wonyangolwezilwanyana, njengenkosikazi,kwelinye ixeshakucelaumngeni kakhulu ngenxa yokuba ngamanye amaxesha ubona ngathiamadoda aziphathangokungathi ngawo amakhulu, utshilo.

Andizange ndivumele oko ukuba kundidontsele phantsi, ndazixelela ukuba ndingakwenza konke okwenziwa ngamadoda. Umbandela wesiniawundibandakanyi. Lusuku oluhle kwayekudala ndilindileukusukela ntlandlolo ngenxa yokuba ndazixelela ukuba ndiza kuba ngogqwesileyo (cum laude) kwizifundo zam zemfundoenomsila. Andizange ndilufulatheleelo nyathelo.Ngokundilapha, isiqinisekiso sokubaxa ucebaiinjongo zakho ngendlela eyiyo, yonke into iyenzeka.
UMasixole Basana, ethethela iklasi ka2022, uthe akukhange kubelulakunyaka wabo wokuqala othewathwaxwa kukuqhambuka kweCovid-19.
Xa ungazimiselangaekuncameni, sukuza eTardi.Ewe, u2020ebenzima, kodwasilapha futhi siyigwengule imiqobo. Ulwazi esilufumeneapha luzakuphuhlisa uluntuesiphuma kulo. Apha eTardi,uza neebhegi zakho kuphela. Xa ufaka isiceloeTardi, akukho mfuneko yakufaka sicelo sebhasari, lo nto yenziwa apha.
Kukho abantu abaqaleamashishini wabo ngenxa yemali yesephuesuka kubaxumi beebhasari kwaye mna ndiyile umbutho (NGO) ze ndabinza ngezipho ezikolweni. Masiphume ingqinaukuze senzeumahluko. Nokuba awuphangeli, yenza inkonzo yoluntu ngokunceda abantu ukuze baqonde izifo zezilwanyana, uBasana utshilo.
Inqununu yaseTardiuNdudane uqhwabele izandla abathweswe izidanga,evakalisa ukuba malunga nomyingewe-60% wabafundi abangama-297 abaphumeleleeTardi ukusukela ngo2015baqashiwe kumacandelo karhulumente nawabucala.Uthe: Ingcebiso yam kukuba ubaniabengumntu onika umdla kuba ngalo ndlela uzakukwazi ukwenza umzila. Bonakalisaamandla wakho,bonakalisa intshisakalo yakho.”— Elibali liqale lavela kwiwebhusayithi yeFood for Mzansi