
1 minute read
Iqalo elitsha liqalisa ukuvelisa abaqeshi endaweni yabafuna ingqesho
SIPHOKAZI NDUDANE
Njengentloko yesebelophuhliso lwamaphandle kwakunyenohlengahlengiso lomhlaba (DRDAR), ndiza kuqinisekisaukuba abo bathwesweizidanga, zebabekwa kwiifamanakumashishini ayeleleneyo,baseka amashishini wabo buqu.
Isebe libekeabangaphangeliyo abathweswe izidangakumashishini ecandelo lezolimo ukuzebafunde ukubangabanini bamashishinifuthi badaleimisebenzi,endaweni yokufuna ingqesho.
Le nkqubo yeminyaka emibini yokubekwa kwiindawo zoshishino,yabathweswe izidanga abayi-120,ixhashwa ngezimaliyinkquboenxaxhileyo yenkxasokwezolimo (comprehensive agriculturalsupport programme[Casp]) kwaye ilithuba kubantu abatsha ukuba babekwe kwiifamanakumashishini ayeleleneyo ukuze bazuzeamava ezoshishinokhon ukuze babengabadali bemisebenzi.
Intoebalulekileyo kukubaasifunikwenza uphela sonwabeapha, aphosithabatha abathweswe izidangaabayi-120 iminyaka emibini ze emva kokobabuyele emva kumbandela wentswelongqesho.
Isebelizakugxila ngokokutshazeliphengulule isabelomalisalo ukuzeaba bangaphangeliyo ababathwesweizidanga kwezolimo baqale amashishini wabo buqu.
Siza kujonga indlela esiveza elubala ngayo izixhobo zikarhulumente kwaba bantu batsha ukuze baphononongeiimbono zabo mayelana nayo nayiphi na imingxili abanqwenela ukuzibandakanya nayo.
Kwaxeshanye, sifunaukujonga indlelaesigxila ngokutsha ngayonesiphungulula ngayo isabelomali sesebe zesithethe namanye amaqumrhu karhulumentekwakunye namacendelo abucala.
Sinesabelomali esilungelelanisiweyo soqeqesho esisuka kwiCasp.Kuza kufuneka sibeke bucala inxalenye yesisabelomali sijongane nababantu batshaukuzesisikhuphe xakufike ixesha ukuncedisa bona ekuqaleni amashishini.
Asinakuzuza phuhlisokwakunye neziphumo esifunaukuzibona xasingagxili ngqo ekuqinisekiseni ukubaamafama aselulaayaxhaswa.
Xasisaluma sivuthela,sincancaubhontsi kwaye sisenzaokuncinane phayanaphaya, asizokuba nefuthe. .
Sijonga indlelayokuyondelelanisa zesizise ngayo izixhobo zethu futhi siqhube ngendlela eyiyo le nkqubo ukuqubisana nale ngxaki.
Siza kutshintshangokokutsha inkqubo yethu yolwabiwomali, sisebenzisaimali esuka kwiCasp nakwezinyeiinkqubo ukuphuhlisa aba bantu batsha.
Siza kuthethananesebe lamashishini amancinane kwakunyenabaninzi kwicandelo labucalaendiqinisekileyo ukubabazakuvuma ukuba yinxalenye nathi ukuze sifukamisele iingcingane ezilulutho zezolimo eziza kuphuma kwaba bantu batsha.
Sifunaukubona intabathonxaxhebayabantu abatsha,ingakumbi abantsundu, kwicandelo lezolimo – leyo yeyona njongo inkulu yale nkqubo.

Oku kukuqubisananombandela wentswelongqesho elizweni,ingakumbi apha ephondweni, kweli candela lezolimo.
Njengoko kusazeka,singabona baphezulu elizwenixa kuthethwangezingalentswelongqesho.
IMpuma Kapaiyakhokela kumbandela wokungabikho khuselekokukutya kwaye sinelona naniliphezulu lolutshaoluhleli emakhaya lungenamisebenzi,kuquka nabathweswe izidanga.
Injongo yethu ayikokubagcina nje iminyaka emibinizebahlale njebaboneokungephi, kokokukuxandisa ingcinganeyabo ukuzebajonge ngaphaya kokufunaimisebenzi, endaweni yoko bakwazi ukuyidala.
Urhulumente ufunaabathweswe izidanga bakwazi ukuzicingelangokunokwabo ze babone ukuba bangayidala njani imisebenzi.
Sifuna ukufunqulaiqela loosomashishini kwicandelo lezolimo.
IMpuma Kapa iqhwatyelwa izandla ngabantu bonkengokuba nomxakathongenxa yendalo yayo, imozuluentle kwakunye nomhlaba omhle, kodwa sivele sahlala nje kulo mxakatho siliphondo.
Asikwazanga ukudlulelakumgca olandelayo ukusukela kulo mxakatho.
Siyayiqonda eyokubaxa singathathi igxathu ekuziseni abantu abatsha abanokucingangeendlela ezohlukeneyomalunganeli candelo, abanamandlaawohlukeneyo, abazelengumdlandla kunathikweli candelo –siza kuba siyasilela.


Kukho isizukulwanaesidala samafama kwihlabathi jikelele,kwaye urhulumente, ngokwale nkqubo,utsala abantuabatsha ngenxa yokuba bazakuza namandla amatsha kwakunye neembonoezinobuchule zendlela yokuqhuba ezolimo.
Bazakusincedisa ukuzesisukeekubambeleleni kumxakathoukuze sibone ukuqulathwe ncakasana ngumxakatho wephondo.
Ndichulumancile xaabathweswe izidanga kwakunye namafama abasindlekileyo bebona eli thuba njengenqwelo yokuqubisana nokunqongophala kokutya, intswelongqesho kwakunye nokudala umqelaomtsha wamafama.
Eliliqelalesithathu kwayengethubaleqela lokuqala sifunde ukuba besikhulisa abaqeshwa, yiyo le nto sisebenza ekudaleni amashishini.
Kwibathu lesibini,siqhube ukhuphiswano apho abathweswe izidanga bethe bathi theca izicwangcisozabo zezoshishinoze abobaphumeleleyo banikezwainkunzi yokuqala amashishini nguDRDAR.
UMphathiswa uNonkqubela Pieters usiyalele ukubasisebenzise izisekozikarhulumente ezikhoyo ukuqinisekisaukuba aba bathweswe izidangabayangena kwimingxili yezoshishino eyohlukeneyo.
Siza kusebenzisaamaziko ezophando, amaziko ezoqeqeshokwakunye neenkqubo zezonkcenkceshelo ukufunqulaumfutho wezoqoqosho kwaba bantu batsha.